Tshawe, kusuke kwadubula isiciko, kwathululeka la mazwana.
Bazali, Zizalwane nani bantu
Akuhlanga lungehlanga bantakwethu!
Uphuthunyiwe untonga zibukhali,
Igodukile intonga yoMsimbithi,
Ibetha amanz’ eTyhume ale ukuhamba:
Kaloku uQamata uyasebenza eZulwini,
Ufuna iingcaphephe neenkcubabuchopho;
Silahlekelwe ke thina boGaga;
Ngubani na oya kusikhokela kule ntsunguzi;
Ngoba uBongani lo ebekhokela ngaphambili;
Akhaphele ngasemva,
Ze zingene zonke esangweni.
Ukunyuka iminqantsa nokucanda iingqaqa;
Ngumsebenzi abezabele wona,
Awamkele usihliswa kweliPhezulu,
Siya kuba ngabakabani na thina beFoundation;
UJongumsobomvu kuthe kanti uyakhweba,
Ubiziwe umphakathi ohamba ngeziqula,
Ukuya kusebenzela iinkosi zakhe,
Hamba Bongani ubongekile,
Umlamb’ onembali uGaga olubomvu,
Intsholo ebubulayo ithe cwaka,
Amanz’ eTyhume elingasoze latsha,
Amile anika imbeko oyifaneleyo;
Ebelapha uGwazinamba,
Naye uSogwali kaNtaba,
Sinyembezana siyangqukruleka,
Bazali nani bantu, lelokuxolisa,
Selani amanz’ eTyhume nisus’iinyembezi.
Lahamba igorha kwasala izibongo!
Bongani ubongekile!
(Nkosi Jongumsobomvu Maqoma Foundation)